IBANGA 7 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (UHLOLO OLUSISISEKO) EYOMQUNGU 2022 Funda le ntsomi ingezantsi ukuze uphendule imibuzo eza kulandela: Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwilali yaseTshungwana kwaBhaca kwaye kukhona isikolo esibizwa ngokuba yi Osborn Junior Secondary School. Abantwana besi sikolo babeyinyambalala kugcwele kuyinkungu nelanga kuba yayisiso sodwa isikolo kuloo ngingqi. Zonke iilali zazifundisa apha kwesi sikolo. Abafundisi-ntsapho besi sikolo babeliqela noko ngenxa yabantwana abaninzi ababefunda apho. Umfundisi-ntsapho uNomqozi wayengomnye umhlali kule lali itshatsheleyo kwezemfundo. Wayetshatile enomyeni ochubekileyo, oyingqondi, ithandazwe enomntwana omnye kuphela. Wayengabathandi abantu abahluphekayo uNomqozi ethanda abantu abafumileyo. Waye eyintombi ebukhali ngathi ngunomeva athi akungxola oyikeke ngathi yingonyama. Wayenjalo ke nasekuhlaleni ukukhohlakala, wayethi akuthi gqi abantu babe nentaka ngoba uphucukile kwaye ukrwada. Esikolweni wayejongene nebanga lesixhenxe. Kweli gumbi lokufundisela abafundi bakhe babelishumi elinesibini kuphela kodwa kwamanye amagumbi begcwele abafundi. Isizathu kukuba akafuni kusindwa ngumthwalo womsebenzi. Wayethanda abafundi abasibhozo kuphela engabathandi abanye. Isizathu sokuba angabathandi aba bantwana kukuba ikati yayilele eziko kumawabo. Wayede athi utitshala uNomqozi “Mna umntu ndomxabisa ngokuba azibonakalise ukuba unengqondo ukuba awunangqondo awazi nto andinaxesha lakho.” Aba bafundi basibhozo babephethwe okwamaqanda bengabethwa bona bede beneziteketiso ababezizwa ngazo kuthiwe ngoo Ntombentle, Mfan’ omdala, Nomngqushwana njl,njl. Babengabethwa bona uswazi luhlala kweli cala lakwaZidenge. Naso esi sibhozo sabantwana sasizibona ukuba sona singcono yaye sinengqondo. Babeye bazikhethe nabo bahlale badlale bodwa, bahambe bodwa njengooNobhetele ngoba becingela ukuba bangadibani nabanye aba ngokuba bazokubosulela ngobudenge obu banabo. Babefumana intlaninge yamanqaku kwiincwadi zabo. Xa kuzobhalwa uvavanyo utitshala uNomqozi ebeye athi gu bucala, ahlinze impuku nabo, bagoduke bona abo bangathandwayo. Babeye banikwe umsebenzi baxhotyiswe ngako konke okuhle ukuze bangaqhubi kakubi. Wayephathelwa zimuncumuncu utitshala Nomqozi zikhaphetshu, mathanga, zinkukhu, nyama zehagu ngaba bantwana bakhethekileyo, iintandane zakhe. USipho owayehlupheke kakhulu engenabo nabo bazali ekrazukelwe ziibhulukhwe neehempe waziva ngenye imini esithi, “Akwaba nasekhaya bekufumile ngendithandwa nam ngutitshala Nomqozi.” UNomanono yena wathi, “Andikhathali nokuba akandithandi andisosidenge mna yaye ndizithembile ukuba ndizokupasa nokuba ndiyavinjwa amanqaku, kulo nyaka uzayo ndiya kwelinye ibanga yaye ndiza kuba nguye ugqirha,” Waqhwatyela izandla ngabanye abafundi ngoba babemqonda ukuba ukrelekrele ntokunayo akathandwa. Kuthe kanti esi sikhalo side sayokufikelela kubazali nakwinqununu. Watshintshwa utitshala uNomqozi wayokufundisa elinye ibanga. Kwafika utitshala uHlathi, indlezane eyaye inothando, isiquququ. Laye latshona emini kubafundi ebabethandwa bekhethwa, kwaye kwakrakra ngoku zaphela nezi ziteketiso. Bazibonakalisa abafundi ebekuthiwa bamuncu, bapasa baphuma emagqabini. Bakhululeka abafundi baya kwinqununu bayokuchaza indlela ebebephetheke ngayo ngokuya bebefundiswa ngutitshala uNomqozi. Inqununu yambuza utitshala uNomqozi ngale mpatho-mbi kwabe kungekho kuphika ngoba amangqina ayemaninzi. Waphendula utitshala uNomqozi ngelithi yena uxolele ukuyeka kunokuba abe ethetha uchuku oluza nabantwana besikolo. Futhi yena akadingi nto, yaye imali ininzi kwakhe. Abahlobo bakhe zizityebi akakwazi ukuzidibanisa nezilanjana yena. Watsho ehamba ewuyeka umsebenzi. Emva kweveki ehambile umzi katitshala uNomqozi watsha yigesi wonke neemoto ezazilapho. Bashiyeka neempahla ezazisesiqwini kuphela. Wakhala wasitsho esofelweyo, sele elusizi ngoku. Abafundi bakhe nabazali babantwana abo wayengabathandi bamphathela iimpahla nokutya. Abahlobo bakhe aba wayesithi bathatha entweni zange basondele nakancinane. Wanikwa indlu encinci azohlala kuyo ngeli xesha asalinde iimali zokwakha umzi wakhe, enikwa ngomnye umzali ongathathi ntweni. Phela phela ngantsomi Imibuzo: 1. Iqhubeka phi le ntsomi? (1) 2. Ngubani umlinganiswa oyintloko kule ntsomi? (1) 3. Ngegama elinye ungathi wayengumntu onjani utitshala uNomqozi? (1) 4. Yintoni eyayisenza ukuba utitshala uNomqozi abe nabafundi abambalwa kwigumbi lokufundisa lakhe? (1) 5. Thelekisa umahluko phakathi kotitshala uNomqozi nomyeni wakhe, babohluke kanjani? (2) 6. Hlalela esi sibizo “igumbi.” Isibizo Igumbi Iceba (4) Isisekelo Ingcambu Isigqibelo 7. Babeziva njani abafundi abahluphekayo yile mpatho katitshala uNomqozi? Xhasa impendulo yakho. (2) 8. Chonga isimelabizo kwesi sivakalisi singezantsi uze uxele nodidi lwaso. Mna umntu ndomxabisa ngokuba azibonakalise. (2) 9. Zeziphi iingozi zeziphumo zokuphathwa kakubi, ukujongelwa phantsi nokuxelelwa ukuba awunangqondo ebantwini? (2) 10. Khetha isifaniso kwesi sivakalisi: ‘athi akungxola oyikeke ngathi yingonyama.’ (1) 11. Lungisa iziphene kwesi sivakalisi silandelayo; waphendula utitshala unomqozi ngelithi yena uxolele ukuyeka kunokuba abe ethetha ucuku oluza nabantwana besikolo. (3) 12. Usana olungakhaliyo lufela embelekweni. Xhasa olu luvo ubhekiselele kubafundi baseOsborn J.S.S. (3) 13. Isifundisa ntoni intsomii? (2) 14. Ngaba uyonwaba sisiphelo seli bali? Xhasa impendulo yakho. (2) 15. Ingaba le meko yenzeka kule ntsomi iyenzeka kwizikolo zethu? Xoxa ngempendulo yakho. (3) Amanqaku [30]