AMANQAKU: 100
IXESHA: 2 Iiyure
Olu vavanyo lunamaphepha ama – 6
1
IMIYALELO NENGCACISO
1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI.
ICANDELO A: Izincoko 50
ICANDELO B: Imihlathi (2x25) 50
QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kwiCandelo B.
2.
3.
4.
5.
Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A kunye nemibuzo emiBINI kwicandelo B.
Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo.
Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA.
Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/ itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/ amagama angundoqo, njl.njl) uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi.
6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke.
7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo:
ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80
ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35)
8.
9.
10.
Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo.
Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama.
Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo.
2
ICANDELO A: IZINCOKO
1.1 Abemi boMzantsi Afrika balubona uqhankqalazo njengendlela elula yokusombulula iingxaki abajongene nazo.
1.2 IPalamente sele iyindawo yezidubedube ngenxa yokungaboni ngasonye kumbutho olawulayo namaqela aphikisayo .
1.3 Liyadodobala isebe lezemfundo kwiPhhondo leMpuma Koloni ekuphuhliseni iziphumo zebanga leshumi elinambini.
1.4 Okunokwenziwa ukuphucula iziphumo zebanga leshumi elinambini kwiphondo leMpuma
Koloni.
1.5 Ukuba likhoboka leziyobisi.
1.6 Ndinjenjenje ngumama.
1.7
1.7.1
3
1.7.2
4
ICANDELO B: IMIHLATHI
Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo ubhale ngayo. Bhala amagama ali —100 ukuya kwali-
120 (umxholo kuphela)
UMBUZO 2
2.1 ILETA ESESIKWENI
Bhalela umzi obolikisa ngemali kubafundi bemfundo ephakamileyo uzondlale kuwo ukuba
kutheni ubona kufanelekile ukuba bakunike wena le mali mboleko.
2.2 I-OBHITSHWARI
Bhala i-obhitshuwari yesizalwane sakho ebesingunovenkile nesisweleke ngesiquphe ngokudutyulwa ngabaphangi bemali .
2.3 UDLIWANO – NDLEBE
Esikolweni senu nineprojekthi yokonga umbane.Wena ucele ukwenza udliwano- ndlebe nengcaphephe kwezokonga umbane.
2.4 IRIVYU
Bhala irivyu ngenye yeencwadi obuzifunda kunyaka ophelileyo .
2.5 INGXOXO MPIKISWANO
Bhala ingxoxo phakathi kwenqununu entsha nomphathi wabafundi.
2.6 INGXELO
Bhala ingxelo ngokuphatheka gadalala kwabantu abadala.
5
AMANQAKU: 100
IXESHA: 2 Iiyure
Olu vavanyo lunamaphepha ali –
6
IZINCOKO
UMBUZO 1
1.1
SISINCOKO ESIBALISAYO/ESICHAZAYO/esixoxayo
Umviwa kulindeleke ukuba achankcathe kwezi ngongoma :
.Ibali kufuneka libe nomxholo obambekayo nokholelekayo nokuba lisekwe kwinto ebuntsomirha.
• Isincoko esibalisayo sidla ngokubhalwa kusetyenziswe ixesha eladlulayo.
• Umhlathi oyintshayelelo kufuneka uyithimbe ingqondo yalowo ufunda isincoko.
• Ibali elililo lisoloko linento elifuna ukuyiphuhlisa.
• Isiphelo esinomdla esingaqhelekanga sinika ibali umqukumbelo wokugqibela.
• Umdla womfundi kufuneka ugcinwe kude kuyokuba sekupheleni. Kufuneka isimbo, izixhobo zobuciko kunye nentshukumo elapha ebalini iqinisekise ukuba umfundi ugcinwa enomdla.
• Ukubalisa okuphumeleleyo kubonakalisa ngokucacileyo iinkcukacha zokuva ezinjengokubona, isandi, incasa, ivumba kunye nezo zinokuviwa ngokuziphatha ngesandla.
• Isincoko esibalisayo sisoloko sinophawu lokuchaza olumandla
Umbhali kufuneka ayile umfanekiso ngokusebenzisa amagama achaza oko kwenzeka kwesi sincoko
sichazayo.
• Amagama kwakunye noluvo akhethwa ngocoselelo ukuze kuphunyezwe ifuthe elifunekayo.
• Kungasetyenziswa imifanekiso ntelekelelo yeliso, isandi, incasa kunye nomfanekiso wokubamba into
uyichukumisa, kusenzelwa ukunika umfanekiso othe tha waloo nto ichazwayo kwisincoko.
• Izafobe zisetyenziswa zikwimo yazo yentsusa.
• Kufuneka abafundi babe namava ngesihloko. Kunzima kakhulu ukuchaza into ngaphandle kokuba ube
nolwazi lwentsusa ngento leyo ayichazayo.
7
1.2
SISINCOKO ESIBALISAYO/ESICHAZAYO
Umviwa kulindeleke ukuba achankcathe kwezi ngongoma:
•Ibali kufuneka libe nomxholo obambekayo nokholelekayo nokuba lisekwe kwinto ebuntsomirha.

nolwazi lwentsusa ngento leyo ayichazayo
8
1.3
SISINCOKO ESICHAZAYO
Umviwa kulindeleke ukuba achankcathe kwezi ngongoma zilandelayo:
• Umbhali kufuneka ayile umfanekiso ngokusebenzisa amagama achaza oko kwenzeka kwesi sincoko

1.4
Isincoko esibalisayo
Umviwa kulindeleke ukuba achankcathe kwezi ngongoma zilandelayo :
• Ibali kufuneka libe nomxholo obambekayo nokholelekayo nokuba lisekwe kwinto ebuntsomirha.
• Isincoko esibalisayo sidla ngokubhalwa kusetyenziswe ixesha eladlulayo.
• Umhlathi oyintshayelelo kufuneka uyithimbe ingqondo yalowo ufunda isincoko.
• Ibali elililo lisoloko linento elifuna ukuyiphuhlisa.
• Isiphelo esinomdla esingaqhelekanga sinika ibali umqukumbelo wokugqibela.
• Umdla womfundi kufuneka ugcinwe kude kuyokuba sekupheleni. Kufuneka isimbo, izixhobo zobuciko
kunye nentshukumo elapha ebalini iqinisekise ukuba umfundi ugcinwa enomdla.
• Ukubalisa okuphumeleleyo kubonakalisa ngokucacileyo iinkcukacha zokuva ezinjengokubona, isandi,
9
incasa, ivumba kunye nezo zinokuviwa ngokuziphatha ngesandla.
• Isincoko esibalisayo sisoloko sinophawu lokuchaza olumandla
1.5
Isincoko esichazayo
Umviwa kulindeleke ukuba achankcathe kwezi ngongoma zilandelayo:
• Umbhali kufuneka ayile umfanekiso ngokusebenzisa amagama achaza oko kwenzeka kwesi sincoko
sichazayo.
• Amagama kwakunye noluvo akhethwa ngocoselelo ukuze kuphunyezwe ifuthe elifunekayo.
• Kungasetyenziswa imifanekiso ntelekelelo yeliso, isandi, incasa kunye nomfanekiso wokubamba into
uyichukumisa, kusenzelwa ukunika umfanekiso othe tha waloo nto ichazwayo kwisincoko.
• Izafobe zisetyenziswa zikwimo yazo yentsusa.
• Kufuneka abafundi babe namava ngesihloko. Kunzima kakhulu ukuchaza into ngaphandle kokuba ube
nolwazi lwentsusa ngento leyo ayichazayo.
1.6 ISINCOKO ESICHAZAYO /ESIBALISAYO
Umviwa kulindeleke ukuba achankcathe kwezi ngongoma zilanddelayo:
•Ibali kufuneka libe nomxholo obambekayo nokholelekayo nokuba lisekwe kwinto ebuntsomirha.
• Isincoko esibalisayo sidla ngokubhalwa kusetyenziswe ixesha eladlulayo.
• Umhlathi oyintshayelelo kufuneka uyithimbe ingqondo yalowo ufunda isincoko.
• Ibali elililo lisoloko linento elifuna ukuyiphuhlisa.
• Isiphelo esinomdla esingaqhelekanga sinika ibali umqukumbelo wokugqibela.
• Umdla womfundi kufuneka ugcinwe kude kuyokuba sekupheleni. Kufuneka isimbo, izixhobo zobuciko kunye nentshukumo elapha ebalini iqinisekise ukuba umfundi ugcinwa enomdla.
10
• Ukubalisa okuphumeleleyo kubonakalisa ngokucacileyo iinkcukacha zokuva ezinjengokubona, isandi, incasa, ivumba kunye nezo zinokuviwa ngokuziphatha ngesandla.
• Isincoko esibalisayo sisoloko sinophawu lokuchaza olumandla
Umbhali kufuneka ayile umfanekiso ngokusebenzisa amagama achaza oko kwenzeka kwesi sincoko
sichazayo.
• Amagama kwakunye noluvo akhethwa ngocoselelo ukuze kuphunyezwe ifuthe elifunekayo.
• Kungasetyenziswa imifanekiso ntelekelelo yeliso, isandi, incasa kunye nomfanekiso wokubamba into
uyichukumisa, kusenzelwa ukunika umfanekiso othe tha waloo nto ichazwayo kwisincoko.
• Izafobe zisetyenziswa zikwimo yazo yentsusa.
• Kufuneka abafundi babe namava ngesihloko. Kunzima kakhulu ukuchaza into ngaphandle kokuba ube
nolwazi lwentsusa ngento leyo ayichazayo
1.7 Isincoko esichazayo /esixoxayo/ esibalisayo
1.7.1 Ujonge lo mfanekiso ungezantsi bhala isincoko esiwufaneleyo ze usithiye isihloko
Umviwa kulindeleke ukuba achankcathe kwezi ngongoma :
-Makabhale ngebali / isiganeko esenzekileyo okanye esiqwetyiweyo.
- Isakhiwo sebali masidlwengule umxhelo sikholeleke.
- Makasebenzise ixesha elidlulileyo amaxesha amaninzi , usenakho nokusebenzisa
ixesha langoku.
-Mawubhalwe ngokudlwengula umxhelo umhlathi wokuqala oyintshayelelo .
11
( Naziphi na ezinye iimbono ezisemxholweni ezinokuza nomviwa zamkelekile )
1.7.2 Isincoko esixoxayo /esichazayo/ esibalisayo
-
-
Makachaze into ukudlwengula umxhelo.
Makachonge amagama ngobunono ukufezekisa isiphumo sakubhalayo.
- Makasebenzise imifanekiso ngqondweni yokubonwayo , okuvakalayo,okungcanyulwayo ,
nokuphathwayo.
- Makasebenzise izigaba zentetho ngokukuko.
(Naziphi ezinye iimbono ezisemxholweni ezinokuza nomviwa zamkelekile )
[50]
UMBUZO 2
ICANDELO B - IMIHLATHI
Khetha imihlathi ibe mibini kule ilandelayo ubhale ngayo. Bhala amagama ali- 100
ukuya kwi – 120 ( umxholo kuphela ).
12
2.1 ILETA ESESIKWENI
Kulindeleke ukuba umviwa achaphazele ezi zinto zilandelayo :
• Ineedilesi ezimbini (eyokuqala yeyombhali weleta ikwingalo yangasekunene kumantla ephepha, eyesibini yeyalo mntu ubhalelwayo ikwingalo yangasekhohlo entla kwesibuliso.
• Entla kwale yesibini idilesi kuvela igama okanye isikhundla salo ubhalelwayo.
• Iidilesi zilandelwa sisibuliso umz Mhlekazi obekekileyo njl njl.
• Isibuliso silandelwa ngumcimbi engawo incwadi leyo, ushwankathelwe waba libinzana elifutshane. Kukho umgca otsityiweyo phakathi kwesibuliso kunye nomcimbi.
• Emva komcimbi kulandela isiqu seleta yakho, naso ke siba nentshayelelo umzimba kunye nomqukumbelo.
• Iphethwa ngelithi, Ozithobileyo, kuze kulandeliswe ngegama kunye nefani yombhali ngezantsi oko kukuthi isiphelo esifanelekileyo sibe negama nefani. phakathi komhlathi wokuqukumbela kunye nesiphelo kubakho umgca otsitywayo.
• Intloko yomcimbi mayibekwe ngamagama atsala umdla.
• Isiqu sakhiwa ngemihlathi.
2 .2 I-OBHITSHUWARI
Umviwa kulindeleke ukuba achankcathe kwezi ngongoma:
[25]
- Igama, umhla wokuzalwa, indawo azalelwe kuyo namagama abazali bakhe.
- Imfundo yakhe neendawo aphangele kuzo.
- Izinto ezibalulekileyo ezimalunga nobomi bakhe.
- Makabhale ngegalelo lakhe entlalweni nezinto ebenomdla kuzo esaphila.
- Unobangela wokusweleka kwakhe ukuba ugulile, imbali yokugula kwakhe.
- Abantu abashiya ngasemva.
- Amazwi okumkhapha.
Makasebenzise ulwimi oluhloniphayo nolundilisekileyo.
2.3 UDLIWANO NDLEBE
13
• Udliwano-ndlebe yingxoxo elungiselelweyo phakathi kwabantu ababini.
• Umntu obuzwayo uphendula imibuzo ngokunjalo unika ulwazi olulindelekileyo.
• Umntu omnye usenokubuzwa imibuzo yiphaneli.
• Indlela yokulubhala kukubhala umbuzo olandelwa yimpendulo.
• Qala kumgca osekhohlo ubhale igama lesithethi lilandelwe yikholon.
• Njengakuzo zonke iingxoxo kwintetho-ngqo awuzifaki iimpawu zocaphulo.
• Usebenzisa umntu wokuqa umz. Ndi…..
• Kwintshayelelo obuza imibuzo unika imvelaphi yomntu ambuzayo.
• Kwisiqu obuzayo ubuza imibuzo esemxholweni emalunga nesihloko nobuzwayo uphendula okubuzwayo.
Imibuzo neempendulo
• Obuzayo makabonise ulwazi oluphangaleleyo
• Imibuzo mayihlelwe ngendlela ukuze kufunyanwe ulwazi olufanelekileyo nolulindelekileyo kulowo ubuzwayo.
• Imibuzo inganxibelelana nengaphambili.
• Iimpendulo mazicacisa ngokwaneleyo zinike izimvo neengongoma ezifanelekileyo.
• Ithoni nolwimi luxhomekeke kubudlelwana phakathi kwezithethi nomba okuxoxwa ngawo.
• Imibuzo neempendulo makube ngathi iyazizela.
• Ulwimi oluntsokothileyo lwamkelekile.
2.4 IRIVYU
Isihloko sencwadi /sefilimu ,aze abhale akuthandileyo
14
Ukubhalwa ngokucacileyo.
2.5 INGXOXO YABABINI
Qaphela la manqaku:
• Kuphendulwa okubuziwe ngaphambili.
• Kusetyenziswa intetho-ngqo ngaphandle kweempawu zocaphulo.
• Isithethi sibhalwa ngasekhohlo ephepheni, zesilandelwe yikholon[:]
• Ingcaciso engenye ibhalwa ezigweqeni ( )
• Ithoni nerejista zixhomekeke kubuhlobo bezithethi kunye nesihloko abathetha ngaso.
• Shiya umgca ongabhalwanga phakathi kwezithethi
2.6 INGXELO
• Ingxelo yingcaciso okanye isishwankathelo esibhaliweyo saza salungiswa ngendlela equphayo.
• Ingxelo inokuba yephandayo okanye eboniweyo.
• Injongo yengxelo kukwabelana ngolwazi.
• Iingongoma ekuthethwa ngazo mazinike abaphulaphuli ulwazi.
• Ukuze kube kulula ukuyiqonda into ekuthethwa ngayo imiba mayibhalwe ngokweengongoma.
• Ithoni yoxhomekeka kuhlobo lwengxelo.
• Makucace gca ukuba kuthethwa ngantoni kwaphaya kwisihloko sakho
• Kusetyenziswa ingxelo-ntetho.
• Izihlokwana zamkelekile kakhulu.
• Ungazinika iinombolo ukuze kube lula ukwenza unxibelelwano (umz- kumba we-5).
• Mayibe nombhali wayo onegama aze ayisayine.
• Mayibe nomhla ebhalwe yasayinwa ngawo.
15
16